Wena neziBonelelo zakho

Iziqulatho

  • Intshayelelo
  • Iintlobo zezibonelelo
  • Yintoni oyiphathayo xa ukufaka isicelo
  • Usifaka phi isicelo sesibonelelo
  • Umhla wokuvunywa kwesicelo
  • Isicelo esingaphumelelanga
  • Iindlela zokuhlawula
  • Ukunqunyanyiswa kwezibonelelo
  • Ukubuyiselwa kwezibonelelo
  • Izizathu ezingundoqo zokuphela kwezibonelelo
  • Uhlolo lwesibonelelo
  • Umnyinyiva wentlungu yezentlalo
  • Imali yezibonelelo
  • Uluhlu lweedilesi
    IntshayeleloUncedo lwezentlalo kukudluliselwa kwengeniso ngohlobo lwezibonelelo ezinikezelwa ngurhulumente. Isibonelelo sezentlalo sibhekiselela kwizibonelelo ezihlawulwa yiArhente yoKhuseleko lweNtlalo yoMzantsi Afrika, oko kukuthi, isibonelelo sokukhubazeka; isibonelelo sabantu abadala nesibonelelo samagqala emfazwe; isibonelelo somntwana okhuliswa ngabazali abangengobakhe; isibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathalelo; isibonelelo senkxaso yomntwana kunye nesibonelelo sokuncedisa.
    Ukusukela ngomhla woku-1 kuEpreli ka-2006, uxanduva lokulawulwa, ukuphathwa nokuhlawulwa kwezibonelelo zoncendo lwezentlalo lwadluliselwa kwiArhente yoKhuseleko lweNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA).U-SASSA lisebe loluntu elisekwe ngokwecandelo 3A, elinoxanduva lokuqinisekisa ukuba urhulumente uhlawula isibonelelo esifanelekileyo, kumntu ofanelekileyo, kwindawo efanelekileyo.
    Iintlobo zeziboneleloUncedo lwezentlalo lunikezelwa ngohlobo:
  • lwesibonelelo sabantu abadala;
  • lwesibonelelo sabantu abaphila nokukhubazeka;
  • lwesibonelelo samagqala emfazwe;
  • lwesibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathalelo;
  • lwesibonelelo somntwana okhuliswa ngabazali abangengobakhe;
  • lwesibonelelo senkxaso yomntwana;
  • lwesibonelelo sokuncedisa;
  • lomnyinyiva wentlungu yezentlalo.Iimfuneko zokufumana iziboneleloIzibonelelo zeNtlalo Isibonelelo sabantu abadalaUmfaki-sicelo:
  • makabe ngummi woMzantsi Afrika/umhlali osisigxina
  • makabe uhlela eMzantsi Afrika;
  • kufuneka ubeneminyaka eyi 60 okanye ngaphezulu.
  • Akubalulekanga ukuba ubenesini esithile.
  • kwaye umntu atshate naye makathobele uvavanyo lokujonga iintsiba;
  • makangaxhaswa okanye akhathalelwe kwiZiko likaRhulumente;
  • makangabi ngumntu ozuza esinye isibonelelo sezentlalo;
    Isibonelelo sabantu abaphila nokukhubazekaUmfaki-sicelo:
  • makabe ngummi woMzantsi Afrika/umhlali osisigxina okanye yimbacu;
  • makabe uhlala eMzantsi Afrika;
  • Makabe neminyaka ephakathi kwe-18 ukuya kuma ku- 59 ubudala.
  • makangenise ingxelo yezonyango/yohlolo eqinisekisa ukukhubazeka;
  • Uhlolo lwezonyango malungabi ludala kuneenyanga ezi-3 ngomhla wokufakwa kwesicelo.
  • kwaye umntu atshate naye makafikelele kwiimfuneko zovavanyo lokujonga iintsiba;nengeniso yakhe.
  • makangaxhaswa okanye akhathalelwe kwiZiko likaRhulumente;
  • makangabi ngumntu ofumana esinye isibonelelo sezentlalo egameni lakhe.
    Isibonelelo samagqala emfazweUmfaki-sicelo:
  • makabe ngummi woMzantsi Afrika/umhlali osisigxina
  • makabe uhlala eMzantsi Afrika;
  • makabe neminyaka engama-60 nangaphezulu okanye makabe ukhubazekile;
  • makabe wayelwile kwiMfazwe yeHlabathi yeSibini okanye kwiMfazwe yamaKoriya;
  • kwaye umntu atshate naye makafikelele kwiimfuneko zovavanyo lokujonga iintsiba; kunye nengeniso yakhe
  • makangaxhaswa okanye akhathalelwe kwiZiko likaRhulumente; kwaye
  • makangabi ngumntu ofumana esinye isibonelelo sezentlalo egameni lakhe;
    Izibonelelo zabantwana Isibonelelo somntwana okhuliswa ngabazali abangengobakhe
  • umfaki-sicelo kunye nomntwana mababe bahlala eMzantsi Afrika;
  • umfaki Sicelo makabe nomyalelo wenkundla obonisa ubume Bokukhathalela nokondla umntwana;
  • umzali ongumondli makabe ngummi woMzantsi Afrika, umhlali osisigxina okanye imbacu.
  • umntwana makahlale ephantsi kokhathalelo lomondli/abondli

    Isibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathalelo
  • Umfaki-sicelo makabe ngummi woMzantsi Afrika, umhlali osisigxina;
  • umfaki-sicelo kunye nomntwana mababe bahlala eMzantsi Afrika;
  • ubudala bomntwana mabube ngaphantsi kweminyaka eli-18;
  • makangenise ingxelo yezonyango/yohlolo eqinisekisa ukukhubazeka kwanaphakade okungqongqo;
  • umfaki-sicelo nomntu atshate naye mabafikelele kwiimfuneko zovavanyo lokujonga iintsiba nengeniso (ngaphandle kwabazali abangabondli);
  • umntwana/abantwana abaxhomekekileyo ngokokhathalelo mabangakhathalelwa ngokusisigxina kwiZiko likaRhulumente;
    Qaphela: Ingeniso yabazali abangabondli ayiyi kuthathelwa ngqalelo.
    Isibonelelo senkxaso yomntwana
  • umfaki sicelo makabe ngummi woMzantsi Afrika okanye umhlali osisigxina;
  • bobabini umfaki-sicelo nomntwana mabahlale eMzantsi Afrika;
  • umfaki-sicelo makabe ngumnikezeli wokha-thalelo ophambili womntwana/wabantwana abafumana isibonelelo;
  • umfaki-sicelo nomntu atshate naye mabafikelele kwiimfuneko zovavanyo lokujonga ingeniso;
  • akanakufaka isicelo ukwenzela abantwana angabazaliyo abangaphezulu kwesithandathu
  • Umntwana akanakukhathalelwa kwiziko likarhulumente.
  • Abantwana abaphakathi kweminyaka eyi 7 ne 18 funeka bangene isikolo
  • Qaphela enye yeenjongo zesibonelelo senkxaso yomntwana kukuqinisekisa ukuba abantwana bayasihamba kwaye bayasigqiba isikolo. Kuyakufuneka kuvezwe isetifikithi esiqinisekisayo okokuba abantwana abaphakathi kweminyaka eyi 7 no 18 bayasihamba isikolo. Kodwa ke, xa kuthe kwathi kanti umntwana akafundi okanye isetifikethi asivezwanga, loo nto ayikukhokela ekubeni singabhatalwa isibonelelo senkxaso yomntwana.Isibonelelo sokuncedisa
  • Umfaki-sicelo makabe ufumana isibonelelo sabantu abadala, isibonelelo sokuphila nokukhubazeka okanye isibonelelo samagqala emfazwe, kwaye abe ufuna ukujongwa okupheleleyo ngomnyeumntu ngenxa yokukhubazeka ngokomzimba okanye ngokwengqondo kwakhe;
  • makangakhathalelwa kwiziko elifumana inkxaso kurhulumente ukwenzela ukhathalelo/indlu yaloo mxhamli;

Ubungqina bokuba ungubani

Abafaki-zicelo abangenayo Incwadi yeSazisi emanani ali-13 enebar code, okanye isiqinise

-kiso sokuzalwa kubantwana ababandakanye

-kayo kwisicelo bangasifaka isicelo sesibone

-lelo. Nceda ufumane ulwazi kwiofisi kaSASSA ekufutshane malunga namaxwebhu angama

-nye amkelekileyo okufaka izicelo.

Usifaka phi isicelo sesibonelelo?

Usifaka phi isicelo sesibonelelo?

  • Ufaka isicelo kwiOfisi kaSASSA ekufuphi nendawo ohlala kuyo;
  • Ukuba umdala okanye ugula kakhulu ukuba ungahamba uye eofisini uyokufaka isicelo sesibonelelo, ilungu losapho okanye umhlobo angakufakela isicelo;
  • Ifomu yokufaka isicelo iya kugcwaliswa phambi kwegosa elivela kwaSASSA;
  • Xa isicelo sakho sigqityiwe uya kunikwa irisithi;
  • Yigcine le risithi – isisiqinisekiso sakho sokufaka isicelo sesibonelo;
  • Awuhlawuli mali xa ufaka isicelo sesibonelelo;
  • Ukuba isicelo sakho asivunywanga nguSASSA, mawaziswe ngembalelwano ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga;
  • Unelungelo lokucela uSASSA ukuba aphinde asiqwalasele isigqibo sakhe ukuba asikonelisi. Ukuba isigqibo esiqwalaselweyo kwakhona asikwanelisi unelungelo lokubhena kumphathiswa Wesebe Lezophuhliso Lwezentlalo.
  • Eli lungelo lokubhena unokulenza kwisithuba sentsuku ezingamashumi alithoba (90) wazisiwe ngeziphumo.

Umhla wokunikezelwa kwezibonelelo Ukuba isibonelelo sakho sivunyiwe, uya kuhlawulwa ukusuka kumhla owawufake ngawo isicelo. Intlawulo yesicelo somntwana okukhuliswa ngabazali abangengo bakhe ihlawulwa ukusukela kumhla wesigqibo senkundla somntana

Ukuba isicelo sakho Sesibonelelo asiphumelelanga

Kufanele waziswe ngembalelwano ngezizathu zokwaliwa kwesicelo sesibonelelo, kwakunye nelungelo lakho lokucela esi sigqibo siphindwe sijongwe

kwisithuba sentsuku ezingamashumi alithoba

(90) wazisiwe.

Iindlela zokuhlawula

Ungasifumana isibonelelo ngezi ndlela zilandelayo:

  • Iintlawulo ngemali eziinkozo kwiindawo zokuhlawula ezifanelekileyo
  • Kwiibhanki kuquka nebhanki yeposi (Postbank)
  • Kumaziko eposi (Post Office) Qaphela: Ukuba awukwazi ukuzithathela ngokwakho isibonelelo ungakhetha umntu onelungelo lokusayina ukuba akuthathele.
    Ukunqunyanyiswa kwezibonelelo
    Oku kulandelayo kungakhokelela kukunqunyanyiswa kwesibonelelo:
  • iinguqu kwiimeko (ezezimali kunye/okanye ezonyango);
  • isiphumo sohlolo lwesibonelelo;
  • ukusilela kokusebenzisana xa isibonelelo sihlolwa;
  • ukwenza isenzo sobuqhetseba okanye ukwazisa okungekuko
  • apho isibonelelo besivunywe ngempazamo
    Ukubuyiselwa kwezibonelelo
    Umfaki-sicelo makenzelwe ukubuyiselwa kwesibonelelo kwiintsuku ezingama-90 zokunqunyanyiswa.Izizathu ezingundoqo zokuphela kwezibonelelo
  • ukufa;
  • ukungeniswa kwiZiko likaRhulumente;
  • ukuba isibonelelo asamkelwanga ngumx- hamliUkufika kwiinyanga ezi-3 ezilandelelanayo;
  • xa ixesha lokukhubazeka kwethutyana liphelile;
  • ungaphandle kumida yo Mzantsi Afrika;
  • Ukuba umntwana ofumana isibonelelo somntwana udlulile kwiminyaka elishumi elinesibhozo (18);
  • Ukuba uyayeka ukuba yimbacu (kwizibonelelo zokukhubazeka nezabantwana abakhuliswa ngabazali abangengobabo kuphela)

Uhlolo

Kufuneka ubhengeze nayiphi na ingeniso ngexesha lokufaka isicelo. Oku kuya kwenza isiseko apho uSASSA aya kugqiba ukuba isibonelelo sakho masihlolwe. Uya kwaziswa kwiinyanga ezi-3 ngaphambi komhla wohlolo okanye umhla apho isiqinisekiso sobomi sifuneka ngawo.

Isiqinisekiso sokuthi usaphila (Life certification)

Ukuba umxhamli wesibonelelo akasebenzisi umnwe ukufumana isibonelelo sakhe,kuyi mfuneko okokuba azo kwenza isiqinisekiso sokuba usaphila Kanye ngonyaka.

Uzokwaziswa ngaphambili komhla apho

kufuneka azokwenza isiqinisekiso sokuphila.

Umnyinyiva wentlungu yezentlalo

Umnyinyiva wentlungu yezentlalo lulungiselelo lwethutyana loncedo olwenzelwe abantu abakwimfuno egqithisileyo kangangokuba abakwazi ukuhlangabezana neemfuno ezizezona zisisiseko zabo okanye zeentsapho zabo. Umnyinyiva wentlungu yezentlalo ifunyanwa phantsi kwezi meko zilandelayo:

  • Umfaki-sicelo ulinde isibonelelo sezentlalo esivunyiweyo;
  • Umfaki-sicelo ufunyaniswe engakulungelanga ngokwezonyango ukuthatha umsebenzi owamkelisayo ixesha elingaphantsi kweenyanga ezi-6;
  • Akukho sondlo sifumaneka kumzali, umntwana okanye kwatshate naye onyanzelekileyo ngokwasemthethweni ukuba ahlawule isondlo, kwaye ubungqina buyanikwa ukuba iinzame ezenziweyo ziphanzile;
  • Umondli-sapho uswelekile kwaye isicelo senziwa kwiinyanga ezintathu zomhla wokusweleka;
  • Umondli-sapho wosapho lwaloo mntu ungeniswe kwiziko elixhaswa ngezimali ngurhulumente (intolongo, isibhedlele sezifo zengqondo, ikhaya labantu abadala likarhulumente okanye iziko lokufumana amayeza)
  • Umfaki-sicelo uchatshazelwe yintlekele njengoko ichaziwe kuMthetho woLawulo lweNtlekele, okanye kuMthetho woLawulo woNyuso lweNgxowaMali ka 1978.
  • Umntu akafumani luncedo nakowuphi na umbutho, okanye
  • Ukwaliwa kwesicelo somnyinyiva wentlungu yezentlalo kungabangela ubunzima obungafanelekanga.

Ixesha lomnyinyiva wentlungu yezentlalo

Umnyinyiva wentlungu yezentlalo ukhutshwa nyanga nenyanga ixesha elingange nyanga ezi-3. Ukwandiswa kweenyanga ezi-3 ezizezinye kunganikezelwa kwiimeko ezingaqhelekanga.

Qaphela: Akukho mntu ofumana isibonelelo sezentlalo onokufumana isibonelelo nomnyinyiva wentlungu yezentlalo ngaxesha nye.

Nawuphi na umntu ofumana umnyinyiva wezentlalo

nesibonelelo sezentlalo makayihlawule imali yomnyinyiva wentlungu yezentlalo ayifumeneyo. Le iya kufunyanwa kwiintlawulo zesibonelelo ezilandelayo.

Luxanduva lwabaxhamli ukugcina

u-SASSA esazi ngeenguqu kwiimeko kunye neengeniso zabo.

Ubuqhetseba

U-SASSA akahambisani nezenzo zobuqhetseba

Yintoni uvavanyo lokujonga ingeniso

EMzantsi Afrika uncedo lwezentlalo luxhomekeke kuvavanyo lokujonga nokuphonononga ingeniso nezinto anazo umntu ofaka isicelo

soncedo lwezentlalo ukwenzela ukufumanisa ukuba ingaba ingeniso nezinto umntu anazo zingaphantsi kwemali ebekiweyo na. Olu vavanyo lokujonga ingeniso nezinto umntu anazo yindlela yokufumanisa ukuba ingaba umntu ukulungele na ukufumana isibonelelo nanjengoko izibonelelo zenzelwe abo bangena nandlela yokuzixhasa. Uvavanyo lokujonga ingeniso nezinto umntu anazo luyahluka kwisibonelelo ngasinye.

Umlinganiselo wezinto umntu anazo nengeniso

Umlinganiselo wezinto umntu anazoUkuqala nge-01 kuEpreli 2019
(Izibonelelo zabantu abadala, izibonelelo zokukhubazeka nezibonelelozamagqala emfazwe kuphela)
Umntu ongatshatangaR 1 174 800
Umntu otshatileyoR 2 349 600
Imilinganiselo yengeniso (Imali zonyaka)(Izibonelelo zabantu abadala, izibonelelo zokukhubazeka nezibonelelozamagqala emfazwe)
Umntu ongatshatangaR82 440
Umntu otshatileyoR164 880
Isibonelelo senkxaso yomntwana;
Izibonelelo zabamntwana: (Umntu ongatshatanga)R50 400
Izibonelelo zabamntwana: (Umntu otshatileyo)R100 800
Isibonelelo somntwana okhuliswa ngabazali abangengobakhe: (Ingeniso yomntwana) Isibonelelo sokuxhomekekangokokhathalelo:
Isibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathalelo (Umntu ongatshatanga)R213 600
Isibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathalelo (Umntu otshatileyo)R427 200

Iimali zezibonelelo

Imali ekufanele ihlawulweImali ekufanele ihlawulwe kusukela ngowoku1 Utshazimpunzi 2018Imali ekufanele ihlawulwe kusukela ngowoku1 kuEpreli ka-2019Imali ekufanele ihlawulwe kusukela ngowoku1 Utshazimpunzi 2019
Isibonelelo sabantu abadalaR 1 700.00R 1 780.00
Isibonelelo sabantu abadala abaneminyaka engaphezulu kwe 75R 1 720.00R 1 800.00
Isibonelelo sokukhubazekaR 1 700.00R 1 780.00
Isibonelelo Samagqala EmfazweR 1 720.00R 1 800.00
Isibonelelo sokuncedisaR 410.00R 420.00R 430.00
Isibonelelo senkxaso yomntwanaR 410.00R 420.00R 430.00
Isibonelelo somntwana okhuliswa ngabazali abangengobakheR 960.00R 1 000.00
Isibonelelo sokuxhomekeka ngokokhathaleloR 1 700.00R 1 780.00

Leave a Comment